Blog

Blog

Ukhuphiswano lwesithathu lwe AVBOB Poetry Competition: iziko elinika impilo nomthombo ophilayo welwimi zekhaya    
Fri, 13 December 2019



Ukhuphiswano lwesithathu lwe AVBOB Poetry Competition luphele ngesingqi esiphezulu – ubuncwane bobugcisa bokubonga – apho kungeniswe ngaphezulu kwama 7 000 emibongo kwiveki yamagqibela ka nkqoyi, njengoko olukhuphiswano beseluqosheliswa ngomhla we 30 ku November 2019. Ngosuku lokugqibela lulodwa, kwangeniswa imibongo engama 2 224. 
 
Luloyiso olungayiwayo – nesimo esiqaqambileyo: yintaphane yeembongi ezikhoyo, mhlawumbi ezingaqinisekanga ngezakhono zazo, mhlawumbi ezisemadol’wanzima ukuveza okungaphakathi kuzo kwiqonga likawonke wonke, mhlawumbi betsala nzima ukufumana ithuba lokubhala kwizityhilelo zamihla le zobomi. Kodwa okubalulekileyo kukuba sinamawaka ngamawaka eembongi ezithe zavakalisa amazwi azo, yaye zithetha iinyaniso ezahlukeneyo ezakha oluyolo, lucacileyo lwelizwe lethu.
 
Umhleli oyintloko wolukhuphiswano, u Johann de Lange, uqwalasele ukuba “okona kube yinzuzo kule projekthi yemibongo kukusondeza abantu, abantu abatsha, ukuba babuyele ekubhaleni – nasekufundeni – imibongo. Inzuzo yalento izakukhula ide icace kwiminyaka ezayo. Ibenenguquko, yaye izakwenza inguquko kubomi babantu.” I-AVBOBPoetry Competition, xa ivala unyaka wayo wesithathu, ibonise indima enzulu yenguquko edlalwa yimibongo ebomini bethu, yaye kananjalo ixabiso layo njengesisele senyathi ekuhlaleni – ixabiso layo ngenene kokulungileyo kodwa. 
 
Kuninzi okubhaliweyo ngenzuzo ephilisayo yobugcisa bokubonga – kulowo ubongayo kunye nalowo uwufundayo umbongo – kodwa ke, ngaphezu koko, imibongo ibenempucuko ukusuka kuhlobo lwengcali lwezemfundo (kungenzeka ukuba isenjalo – injalo phofu, kakade izinkalo ezininzi) yaba yeyona ndlela yokuzivakalisa kumntu wonke ofana nam nawe. 
 
Imibongo isinika ‘olunye’-ulwimi, lelinye ijelo elisinika ithuba lokutyhutyha ezinye iinkalo zobomi, eminye imizila esingabhekisa kuyo, obunye ubunyaniso. Ilulwimi olusidibanisa sonke ebomini bethu, intetho enye efanayo – nendlela yokuzivakalisa ukunxibelelana  nabanye abantu kukwahlukana kwethu, imimandla, neenkcubeko. Kulo nyaka wolukhuphiswano, igwijo elithi ‘bhala okuthile, fikelela komnye’ ibe sisiseko senkqubela: ibethelele amandla onxibelelwano ngobu bugcina. Kulapho ubungangamsha bayo obubodwa bulele khona. Kumaxesha esiphila kuwo okungabi nalo unxibelelwano, ukunyuka koqhekeko nokuzimela, imibongo isibuyisela kuzinzo lwethu kwakhona, isibuyisela ukuba sifumanane kwakhona.
 
Imbongi ezihlalele iyodwa e Stilbaai, ehleli kwi internet café e Soweto, okanye kwiziko loluntu e Siyabuswa ingadibanisa amazwi anqumla kwimigama emide ithethe ngqo nentliziyo zabanye abantu. Imibongo ngalomvakalelo ayitolikwa, iza ngqo, isisisele senyathi, iqonga, ilizwi elivakalayo labantu.
 
Laqala apho ifuthe lembono yale projekthi ukususela ukusungulwa kwayo ngophumayo ngoku umlawuli oyi AVBOBCEO, u Frik Rademan: “Ibisoloko ijoliswe eluntwini, isoloko iyeyoluntu lwethu. Simi kumasango njengabakhuseli besiko elifanayo lokungcwaba, umzila wokugqibela ebomini, yaye kuye kwaba leloxesha lonxunguphalo apho safikelwa kukuqonda ekufanele sikwenzele uluntu lwethu – indlela yokuthetha nabo ngelahleko yabo, indlela yokuzinyanga.” Imbono elivulandlela ka Mnumzana Rademan yokusungula le projekthi ibe sisiseko sokukhula kwayo okungayiwayo, noncedo lwayo kuluntu.
 
Kunyaka wokusungulwa kwayo, imibongo ebhalwe apha ekhaya efikelela kwi 20 000 yagaleleka. Kwakungaqingqwanga ukuba kungafakwa imibongo emingaphi, kodwa umbongo ngamnye opapashiweyo kweli qonga wazuza intlawulo yokusetyenziswa kwawo eyi R300. Kunyaka wesi 2 wolukhuphiswano, kwaqingqwa imibongo engama 30 ngembongi nganye, ukuzama ukwehlisa uxanduva lokuqulunqa kubahleli bayo. Noxa kunjalo, phantse yi 30 000 yemibongo eyabhaliswa kweli qonga, ukukhula kwe 50% xa kuthelekiswa nonyaka ogqithileyo. Kunyaka wesithathu, kwaqingqwa imibongo engama 20 ngembongi nganye. Kodwa inani lamangenelo liphelele ekupheleni kuka November kulo nyaka belimi kwi 30 573 – ukunyuka kwe 5% kwiziphumo eziphezulu zonyaka ogqithileyo. 
 
Kubekho ukunyuka kwinani lemibongo epapashiweyo kweli qonga, enyuke yaya ngaphaya kwe 3 700 kulo nyaka, yanyuka kananjalo xa kuthelekiswa nonyaka ogqithileyo (3 572). Ngaphezu kwako konke oku, ukunyuka kwephulo lethu lemibongo kuye kunyuka minyaka yonke, okubonisa ukuba yintaphane yembongi ezinetalente engekachukunyiswa esinazo, ezilinde elazo ilizwi livakale zifake amangenelo:
 
  Unyaka 1 (2017) Unyaka 2 (2018) Unyaka 3 (2019)
Inani lembongi (imbongi ezifake umbongo omnye kukhuphiswano lwalonyaka)  
3 858
 
4 851
 
5 807
 
U-Carl van der Riet, oyi CEO yakwa AVBOB ongenayo, uyachulumanca ngalamanani: “Ukukhula kolu khuphiswano, iminyaka ilandelelana, ibe ngumbono omhle kakhulu. Kodwa ukukhula akuthethi nje amanani aphezulu – njengengcaphephe yamanani, kuluyolo kum ukubona ukunyuka kwawo! – kodwa nangaphezulu, eneneni ukuphucuka kwesimo sesi sakhono ngokwaso, ukuphucuka komgangatho wemibongo engenisiweyo, yaye okubalulekileyo, ukunyuka kwamangenelo ngeelwimi zethu ezininzi ezahlukeneyo – thina esikubona kuyeyonanto ingundoqo ibalulekileyo: ukuseka isisele senyathi selwimi zethu, ukuseka uqiqo kwilwimi zethu ebezinganikwanga ngqalelo. Yeyona nto lena aye wayiqonda kwangoko uMnumzana Rademan kwasekuqaleni – ukuba kufuneka sigcine iilwimi zethu esizithethayo nesizibhalayo. Yaye sizibophelele ukuba zinkokheli kulo mmba.”
 
Oku kukhula kucace nakwezinye iinkalo, yaye amanani abonisa ngokucacileyo ezona nkalo ziqaqambileyo:
  • Iimbongi ezibhalisiweyo ngoku zimi kwi 16 690 ziphelele kwiziseko zethu
  • Iimbongi zabasetyhini zingaphezulu kunezamadoda ngabathathu kwababini
  • Phantse i 80% yembongi ezingenelayo zingaphantsi kweminyaka engama 40
 
Amangenelo ngokwelwimi abonise inguquko ezicacileyo: zonke iilwimi ziye zema ndaweni nye ngokwamangenelo ephelele, ngaphandle kwesiXhosa, esinyuke ukusuka kwi 1 129 yamangenelo ngo 2018 ukuya kwi 1 980 yamangenelo ngo 2019. Ukugaleleka kwamangenelo nako kuye kwajikajika, yabayimfumba kwiveki yokugqibela, nangosuku lokuvala:

Kubonakala ngathi uluntu lwethu oluzimbongi luthanda uxinzelelo lokujingelwa lizembe losuku lokuvala ukuze bathulule ubugcisa babo! Kodwa ke lemeko isibonisa enye inyaniso enzulu nevakaliswa ngokucacileyo ngu Johann de Lange: “Imibongo inganyamalala apha ekuphileni, kodwa simana sibuyela kuyo.”
 
Ngoko ke, simema zonke iimbongi zethu – nabo bonke abo Mzantsi Afrika, ngoba kakade kukho imbongi kumntu ngamnye apha kuthi, yaye sonke sinembali esifuna ukuyibalisa – xa sibuyela kwimibongo ngo 2020, njengokhuphiswano lwesine lwe AVBOB Poetry Competition olusungulwa kulo nyaka singena kuwo. 
 
Ngenye ingcaciso, nangeyona mibongo isemgangathweni eMzantsi Afrika, ngazo zoli 11 iilwimi zethu ezisemthethweni, ngena ku www.avbobpoetry.co.za

 



Share: