Siyagqitha....
isiXhosa poem by: Sanelisiwe MtsewuTheme: Death
Singamandwendwe kaloku
Injalo le nto ibubom bomntu
Ithi nkqo okwexeshana
Iphind'ithi nkcwe ngomzuzwana
Singabaphambukeli kweli limiyo
Kakade limagad'ahlabayo
Kodwa Singamandwendwe kweli lizwe
Sitshotsh'okosaluka nkwenkwe
Sitshon'okombon'ohlwayelwayo
Inde indlela yasemhlabeni
Kodw'ayngebalekelwa mntu
Kuba sonke siyagqitha emhlabeni
Bambi ibomeleza ngeentlungu
Ze kuthi lakufik'ixesha bomelele